Ikhonco

Previous                                                                                                                        Next
RENEWAL MINISTRY & EVANGELISM (ABAVAKALISI)

"Unqweme ludliwa ngababini"

USipho no Lizwi


Lizwi:


Inene ezeNkosi zona izinto azipheli, kwaye nonga zingacima uzibhibhidla amazinyo.



Ngu.  Rev A.M Mabindla ( 084 359 0016/ 074 3345675)

Sipho:


 

Lizwi:


Lizwi:


Lizwi:


Lizwi:


Lizwi:


Lizwi:


Sipho:


 

Sipho:


 

Sipho:


 

Sipho:


 

Sipho:


 

Sekutheni ngoku mzalwane wangathi uyashwabula?


Njani njalo?  Umzalwane ushwabula njani.  Thina kaloku siyasikelela kunokuba siqalekise.


Zithini ezintsha kulonyaka mzalwane?  Ingaba laa nkomfa yenu yaBavakalisi isekhona?


Kunjalo kanye mfowethu. Ngomhla we 11 April ukuya kwi 14 April , sakube sisentlaza e St Barnabas - Libode.


Noko kudala ndibane ndisithi ndiyaya, ndiya ngokwenene kulo unyaka.  Kaloku ubudlelwane nabanye abazalwane bulungile, ngakumbi xa sisithi singabazalwane.


Bendiyakukuthela nqa.  Xa usithi ukunye nabantu bonakala phakathi kwabo, futhi nokuba akuzukushumayela.  Abanye abantu baya ezinkomfeni kuba bezakuthatha ingxaxheba.  Loo nto ayilungnga.


Kunjalo kanye mzalwane.  Sikhule njani ke ngoko?  Kaloku wonke umntu kufuneka ondliwe, Ondliwe emoyeni  nangabanye abantu , hleze kuthi kanti sele ephakela abantu into engekhoyo, ubaphakela  intshwela, ndiba ndithi ubakrwelela  izikhokho.


Kusekukhulu wena  iNkosi ekufuneka isifundise kona.  Xa sisenkomfeni siyaxhotyiswa, nanjengoku  siyingalo yeli bandla lethu lamatshetshi.


Uthetha ukuthini ke ngoku xa usithi niyingalo?


Kaloku iRenewal ministry & Evangelism, asiyo guild koko yimovement.  Ngabavakalisi bendaba ezilungileyo, bemelwe ngabantu bee guilds ngee guilds.    Yiyo loo nto bekwiphulo lokukwenza iiPrayer cells, home visits, ukufundisa ngenkonzo yokunikela njalo njalo, kule Diocese kanti nakwezinye iiDioceses apho sithi simenywe khona.


Amade ngawetyala mfondini.  Sakubonana enkomfeni, eNtlaza ngomhla we 11 ukuya kwi 14  April 2013.  Inkosi ingumncedi wethu.


Uthembakele yena.  Kaloku ngolowo ovula indlela elwandle, atsho kuqukuqele amanzi entlango.   NguSimakade igama lakhe.  Uwabonile kaloku amandla akhe evuka engcwabeni, wakoyisa ukufa nesono.  UYesu waseNazarete.
     Home      About us          Lay Staff     Diocesan Directory      Diocesan Choir     Calendar       News        Publications       Links           Contact us