Weddings and Funerals
Back
     Home      About us          Lay Staff     Diocesan Directory      Diocesan Choir     Calendar       News        Publications       Links           Contact us
The funeral of the late Manyauza Mildred Ncgcama took place in St Barnabas church, Ntlaza, on 18th January 2014, officiated by Ven. Dumisa assisted by the Dean, who was her son-in-law.
Manyauza Mildred Ngcama
Born: 26/10/1926              Died: 02/01/2014
U-Bessie Mildred Manyauza Ngcama uzalelwa kwalili yaseNjiveni ngomhla we 26th October 1936, ezalwa ngabangasekhoyo utata uBhida no Mayalo Nqeketo intombi yakuNomodolo eNgqeleni. Ubengumntwana wokuqala kubantwana ababathu. Ushiywe nunina eseneminyaka emibini kuphela waza wakhuliswa nguMakhulu wakhe uMantsaka.

Ufunde eNtlaza Junior Senior Secondary School waza waphumelela ibanga lesithandathu (Std. 6) wayekrelekrele kakhulu engqondweni nalo Stadard Six, wamphumelela emagqabini. Ubeyintombi ekhutheleyo kakhulu esenza yonke misebenzi ebengunongayindoda kwelocala kuba ikhuba (plough) ebelibamba ngokwakhe xa kulinywa kanti nePlant ngokunjalo kwaneskofolo.

Ubonwe lisoka lakwa Zulu ngo 1948 utata uDonald Ngqongolwana Ngcama ongasekhoyo, baye balizwa ngabantwana abasibhosouNosipho owasweleka eneminyaka emibini, uNomhle, Mzinhle, Ntobelo, Yolisile, Nomakholwa, Mziwanele noNtombizanele.

Ugule hamba ixesha elide engena ephuma koogqirha. Ekuqaleni kulenyanga ka November 2013 uhlaselwe kukugula,waliliswa eBedford Hospital eMthatha enengxaki yomqolo. Usutywe kukufa eseEdendale Hospitali ePietermaritzburg ngomhla we 2nd January 2014.

Ushiya ngasemva udade wabo uNomsele kwanoMakwedini umntakwabo, abantwana bakhe abane, oomolokazana ababathu, abazukulwane abayi 25 kunye nesizukulwana esiyi 18.

"Lala ngoxolo Nyawuza, Faku, Hlamba ngobubende"
The funeral of the late Mziwakhe Zonneston Miza took place in the Cathedral of St John the evangelist on Saturday 12th October 2013, officiated by the Dean.
Mziwakhe Zinneston Miza
Born: 12/08/1953             Died: 29/09/2013

U-Mziwakhe Miza wazalwa ngomhla we 12th August 1953 ezalwa ngutata uZwelinzima kunye nomama uMarjorie abangasekhoyo, ezalelwa eMcombothini eLusikisiki. Ungumntwana wesine kubantwana abalishumi.
Ufunde kwezizikolo: Nyosana, St. Andrews, Mathodlana kunye nase Mqikela.
Waqala ukuphangela ePosini eLusikisiki, ngo 1975 wazibandakanya nomkhosi wezo khuselo wase Transkei e-14 Sai Military Base nekulapho axelenge de wathatha phantsi ngonyaka ka 1996.
Usutywe kukfa emva kwengalo emfutshane ngimhla we 29th September 2013.
Ushiya ngasemva inkosikazi yakhe u Nomnde, abantwana abasibhozo abangaba: Nokulunga, sisanda, Wandile, Babalo, Ndiphiwe, Siyasanga, Khanyosa kunye no Athekosi, abantakwabo abane, oodade wabo ababini, abafowabo ababini, intlaninge yabatshana kunye nabazukulwana abathandathu.
"Lala puhumle ngoxolo Mqadi, Ngcwina. Umzamo omhle uwuzamile, ugqatso ulufezile."


The funeral of Mrs Boniswa Nokaya Kuse, wife of Revd. Mtose Kuse, Rector of St Matthews Lindile, was held in the Cathedral on 5th October 2013. Bishop Sitembele officiated.
Boniswa Nokaya Kuse
Born: 01- 04 - 1952       Died: 22 - 09 - 2013
Ndigu Boniswa Nokaya Kuse, ozalwa ngongasekhoyo umama uGertrude Malefane oyintombi yease Mafolweni eMt Frere eQwidlana notat uTibeko.
Amabanga aphantsi ndiwafunde eQuidlana apho ndibuye khona ndazokongesa eMtata kodwa ngenxa yeemeko andiyanga kude ndisebenzile kwimizi yamashishini apheMtata.
Ndidibene nesoka laseMaqwathini uMthose Wellington ngowe 1979, siqale ishishini kwezindawo zilandelayo eMqanduli (eThyolo) eCala nalapha kwaPayne eMtata apho siqhub sade safikela kwixesha lokubizelwa emsebenzini kaThixo.
Ndinaba bantwana balandelayo uKukiswa ongasekhoyo, Mzukisi, Kaya noNeliswe nabazukulwana.
Ndishiya uTata, abantabakwethu, abayi 2 oodadewethu abane (4).
Ndiyekeni ndilale ndiphumle kuba intlungu zindidlavule..
Viwe Madala and Sibusiso Guzana were married at St Cuthbert's, Tsolo on Saturday 21st September 2013. Bishop Sitembele officiated.
Thandiwe Mpofula and Siyabulele Fekade were married at St Francis, Ngolo on Friday 20th September 2013
Canon Ashington Sizatu Majija

AMAGQABANTSHINTSHI NGOBOMI BUKA CANON A.S. MAJIJA.

UMfundisi uAshington Sizatu Majija wazalwa ngomhla we 08 April 1923 eNtibaneni KwaMajija eNgcobo. Uzalwa nguBawo uKiva naMama uNellie uMaGaba intombi yase eGoboti eNgcobo.

Ufunde amabanga aphantsi kwa Majija nakuManzana. Ufunde amabanga aphezulu e Healdtown waza wafundela ubutitshala kwase Healdtown. Ufundise eClarkebury Training College apho wabalasela ngezifundo ze Maths ne Psychology. Uye watshata noMandila intombi yakwa Gcanga kuManzana ngo 1953, baze balizwa ngubantwana abathandathu nabazukulwana.

Ufundise eCala, eArthur Tsengiwe Training College apho afumene khona ubizo Iobufundisi. Ufundele ubufundisi kwisikolo sokuqeqesha abefundisi iSt. Bedes eMthatha. Waluqalisa uhambo lwakhe njengomfundisi e St. Barnabas eNtlazu, esebenza phantsi komfundisi ongasekhoyo uBhashe. Ngo 1970 wathunyelwa eMvenyane njengomfundisi opheleleyo weParish. Ngo 1974 uthunyelwe kwiParish yase St. Andrews eMthatha apho asebenze khana wade wabe uthatha umhlalaphantsi ngo 1992. Ngo 1992 njalo, uBishop wamnyusela njenge Canon. Uthe esahleli phantsi njalo wacelwa ukuba ancedise kwezi Parish zilandelayo:
Cathedral, Engcele kwakunye nakuManzana. Ebengomnye wabefundisi abancedisayo e St Andrews wada wabe usutywa kukufa ngomhla we 26 June 2013.

Ushiyu inkasikazi yakhe, abantwana abahlanu, abazukulwana aba 14 kunye nodade wabo uNomsa.

Lula ngoxolo Tshayela, Ntshengecana, Jola, Mphankorno, Mpondomise ugqatso ulufezile yaye inkosi iyakukuvuza ngesithsaba sobomi.
The Rev. Majaki and his wife, the clergy, and the guests after their wedding at St Johns Collegiate on 27th June 2013

UBOMI BUKATATA UDOUGLAS NKOSINATHI ADONIS

Utata uDouglas Nkosinathi Adonis wazalwa ngomhla we 13/10/1924 ezalelwa eNyindlana A\A eNqamakwe. Ungumntwana wokuqala kubantwana abayi 11 bakaTatomkhulu uVelile noMakhulu uMandlangisa, intombi yakwaMadlebe eGxojana eNqamakwe. Bafudukela eNgxaza kuTsolo eneminyaka eyi 11 apho wafunda khona amabanga akhe aphantsi, Wadlulela eStJohns College eMtata eyokufundela ubutsishala (NPL). Waya kuphangela eKapa ngenxa yokungafumani msebenzi wobutitshala.
Wafunda iJC Ekapa apho eqhubeka esebenza. Ngonyaka ka 1948 wazimanya ngeqhina lomtshato nentombi yakwa Mbeje, eCegcwana eNqamakwe, u"Songo" baze balizwa ngabantwana abayi 7,iintombi ezine; uNomalungelo (Mrs Dingana), Nomonde (Mrs Maqholo), Nusiphelo (Mrs Kamanga), noThunyelwa (Mrs Moyake) noonyana abathathu; uMlungiseli (Yisehleli-ongasekhoyo), Gcobani kunye noLubabalo (Pa-ongasekhoyo).
Ngo 1956 wayokufundela ubufundisi eSt Bedes College eMtata, Waze wathweswa njengomfundisi ogqibeleleyo ngo1958. Waye wayokusebenza eHoly Cross eFlagstaff ngo 1960-1962. Ngo 1963 wayokongeza izifundo zakhe eSwitzerland wabuya ngo 1964 wayokuba ngumfundisi oncedisayo eSt ]ohns Parish, ekwangumqeqeshi wabashumayeli be Diocese iphela. Ngo 1969 wayokuqalisa eSt Pauls, eNqamakwe njenge Archdeacon y eSt Marks archdeaconry. Ngo 1977 waphindela eHoly Cross eFlagstaff eyi Archdeacon ye Eastern Pondoland.
Ngo 1982 wayishiya iDiocese ye St Johns waya kwi Diocese yase Grahamstown ukuya ku 1990. Ngelixa ekule Diocese, uye wayingxenye ekuguqulweni kwencwadi
yemithandazo yase Tshetshi. Ngo December 1990 wathatha umhlalaphantsi wagoduka waya kuTsolo. Ngo 1991 -1993 wacelwa ukuba aqhubeke njengomfundisi ophetheyo eEpiphany. Emva koko waqhubeka ngokuncedisa ade aphela amandla.
Ngenxa yobudala, iye yophuka impilo, Ingakumbi ukusukela ngonyaka ka 2010. Usishiye ngomhla ka 09/03/2014 eshiya ngasemva iintombi zakhe zone, unyana omnye, abantakwabo ababini nodade omnye, abazukulwana abayi 19 kwakunye nesizukulwana esiyi 22.

Lala ngoxolo uphumle Radebe, Sbhushwana. NdlebentIe zombini, Dludlu kwabendlwana ugqatso ulufezile

The funeral of the late Revd. Canon Fikile Nelson Mdingi took place at St. Bernard Parish Ncambedlana on the 18th July 2014. Canon Ndingi was born on 16th July 1930 and died on 10th July 2014. The service was conducted by Bishop Sitembele

Usapho lwaka-Mdongi, oodlamini ozizi, luyabulela kubo bonke abantu ngobukho nange nkxasi yabo ngexesha lale ntlungu yokushiywa ngutata wabo.