Home      About us          Lay Staff     Diocesan Directory      Diocesan Choir     Calendar       News        Publications       Links           Contact us
HIV/AIDS OFFICE
Mrs Sibongile Mthembu's  Visit
Ngomhla we-11 June sobona kugaleleka undwendwe lisuka kwi Province yase Cape Town phofu yena ephuma kwaZulu Natala ngokwenkaba yakhe. Umsebenzi wakhe kukushumayela ngeHIV/AIDS emabandleni eDiocese. Usixelele ukuba apha eEastern Cape ufuna ukuhambela iDioceses ezintlanu. Sibe yiDiocese yokuqala ukuba afikele kuthi, nisazi ke nani ububele beBishop yethu yaseMthatha abulinganiswa nanto. Ngoko nangoko sihambile naye saya kwi-Archdeacon yase Ncambedlana samkelwa ngezandla ezishushu apho ngu Ven M.V. Madala wasinikezela ku Revd Canon Ndima saqhuba naye eyonanto ewathetha ngayo kukuqalwa phantsi kwe-Projet ivuselelwe ngamandla iproject yeHIV/AIDS kuba inani liyanyuka  makuncedwe inkedama nabantu abasokolayo eziCaweni. Ongumfana makafumane uMfundisi ebengutata wakhe, oyintombazane makafumane uMothers Union enguMama wakhe ukhuphe lonto unayo unike lo mntwana atye nalo usokolayo ngokunjalo.

Saphuma eNcambedlana Parish saya eCathedral efuna ukubona abantu be Soup-Kitchen abatyiswayo yiCathedral njengoba sasimxelele. Saye saleqa ixesha layo (13h00). Wafika apho wabafota inani labo ingu 70. Emva koko senjenjeya ukuya kwaTemba Community Project kuba samxela ngalandawo yakwa Temba. Safika samkelwa ngobubele, sajikleza sabona abantu abagulayo abadala abangenabantu babo kunye nabancinane. Ngosuku lwakhe lwesibini savuka ngonyezi senjenjeya ukuya kwiDiocese yaseMbhashe esamxelela ngayo ukuba nayo iphuma apha safika nalapho sisaziwa kuba saqala ngokubafowunela. Safika apho ngentsimbi yethoba kusasa samkelwa nguDiocesan Secretary wakhona wafika wasinika umnxeba uMrs Mthembu wathetha nomtu owayeshumayela ngeHIV/AIDS wayeka naye esithi makavuselele umsebenzi lowo ebesele ewuyekile angatyhafi. Sibuya apho sadlula nase St Johns Collegiate samkelwa opho nguMama uSeku oyiCo-ordinator yakwa HIV/AIDS ekwawenza nomsebenzi woku testa umntu malunga ne HIV/AIDS enayo indlu phaya eSt Johns.

Saphuma apho saya kutsho kwiArchDeacon yaseNyandeni ephantsi koVen N. Dumisa samkelwa ngobubele ngamandla apho safika silindelwe, silindiwe ngamehlo abomvu kugcwele ziCo-ordinators phantse zonke iParish zalaArchdeacon zazikhona. uMrs Mthembu wabacacisela umcimbi aze ngawo watsho ebantwini esele beqhubeka nomsebenzi lowo wayethetha ngawo. Wacela ukuba zonke iParishes mazizise amagama eOrphans neVulnerable people bawazise kwi Office yakwa HIV/AIDS eDiocesini. Uthembisile ngoncedo olungasuka kwiProvince malunga nababantu.

Back